14 yabona, uYehova uya kubabetha ngesibetho esikhulu abantu bakho, noonyana bakho, nabafazi bakho, nempahla yakho yonke;
15 ke wena wobethwa zizifo ezininzi, sisifo sezibilini zakho, zide ziphume izibilini zakho sisifo semihla ngemihla.
16 UYehova wawaxhokonxa amaFilisti, nama-Arabhi asecaleni lamaKushi, ukuba amchase uYehoram.
17 Enyuka eza kwelamaYuda, atyhoboza, angena kulo, athimba yonke impahla eyafumaneka endlwini yokumkani, kwanoonyana bakhe, nabafazi bakhe; àbamshiya nanyana, yaba nguYehowahazi unyana wakhe omncinane yedwa.
18 Emveni kwezo zinto, uYehova wambetha ezibilinini zakhe ngesifo esingenakuphiliswa.
19 Kwathi ekuhambeni kwexesha, ekupheleni kweminyaka emibini esifa, zaphuma izibilini zakhe esifa njalo; wafa esezintlungwini ezinkulu. Abantu bakhe abamenzelanga baso njengebaso looyise.
20 Ubeminyaka imashumi mathathu anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka esibhozo engukumkani eYerusalem; wemka engalilelwa bani. Bamngcwabela emzini kaDavide; kodwa àkangcwatyelwa emangcwabeni ookumkani.