17 Baya bonke abantu endlwini kaBhahali,* bayidiliza; nezibingelelo zakhe, nemifanekiso yakhe bayiqhekeza; bambulala uMatan, umbingeleli kaBhahali, phambi kwezibingelelo.
18 UYehoyada wamisa abaveleli bendlu kaYehova ngesandla sababingeleli abangabaLevi, awabahlulela uDavide indlu kaYehova, ukuba banyuse amadini anyukayo kaYehova, ngoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses, benovuyo neengoma, ngoko kumiselwe nguDavide.
19 Wamisa abagcini-masango emasangweni endlu kaYehova, ukuze kungangeni uyinqambi nangantoni.
20 Wathabatha abathetheli-makhulu, nezinhanha, nabalawuli babantu, nabantu bonke belizwe, wehla nokumkani endlwini kaYehova; bangena ngesango eliphezulu lendlu yokumkani, bambeka ukumkani etroneni yokumkani.
21 Bavuya ke bonke abantu belizwe, umzi wazola; bambulala ke uAtaliya ngekrele.