19 Ùthi, Yabona, ndiwabulele amaEdom; yakuphakamisa intliziyo yakho, ukuba uzizukise. Hlala kaloku endlwini yakho; yini na ukuba okunene ufekethe ngobubi, uwe, wena namaYuda anawe.
20 Akaphulaphula uAmatsiya; ngokuba oko kwakuphuma kuThixo, ukuze abanikele esandleni seentshaba zabo; ngokuba babequqele izithixo zakwaEdom.
21 Wenyuka ke uYowashe ukumkani wakwaSirayeli; baqwalaselana ngamehlo, yena noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, eBhete-shemeshe, ekwaYuda.
22 Atyelwa ke amaYuda ngamaSirayeli; asaba, yangulowo waya ententeni yakhe.
23 UYowashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmatsiya ukumkani wakwaYuda, unyana kaYowashe, unyana kaYehowahazi, eBhete-shemeshe, wamzisa eYerusalem; waluqhekeza udonga lwaseYerusalem, ethabathela esangweni lakwaEfrayim, wesa esangweni lembombo, iikubhite* ezimakhulu mané.
24 Wayithabatha yonke igolide, nesilivere, nempahla yonke eyafumanekayo endlwini kaThixo, ebino-Obhedi-edom, nobuncwane bendlu yokumkani, nabafo abazizibambiso, wabuyela kwaSamari.
25 UAmatsiya unyana kaYowashe, ukumkani wakwaYuda, emva kokufa kukaYowashe unyana kaYehowahazi, ukumkani wakwaSirayeli, waba minyaka ilishumi linesihlanu esidla ubomi.