25 UAmatsiya unyana kaYowashe, ukumkani wakwaYuda, emva kokufa kukaYowashe unyana kaYehowahazi, ukumkani wakwaSirayeli, waba minyaka ilishumi linesihlanu esidla ubomi.
26 Ezinye izinto zika-Amatsiya, ezokuqala nezokugqibela, àsizezo na zibhaliweyo encwadini yookumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli?
27 Ke kaloku, emveni kwexesha awatyeka ngalo uAmatsiya ekumlandeleni uYehova, bamceba eYerusalem; wasabela eLakishe. Bamsukela, bamfumana eLakishe, bambulalela khona.
28 Bamthwala ngamahashe, bamngcwabela koyise, emzini wakwaYuda.