6 Waqesha kumaSirayeli ikhulu lamawaka amagorha anobukroti, ngekhulu leetalente* zesilivere.
7 Kweza ke umfo wakwaThixo kuye, esithi, Kumkani, mawungahambi nawe umkhosi wamaSirayeli; ngokuba akakho uYehova kumaSirayeli, koonyana bonke bakwaEfrayim.
8 Hamba wedwa, wenze womelele ekulweni; uThixo akayi kukuwisa phambi kotshaba; ngokuba uThixo unamandla okunceda nawokuwisa.
9 UAmatsiya wathi kumfo wakwaThixo, Liya kuthiwani na ikhulu leetalente, endalinika umkhosi wamaSirayeli? Wathi umfo wakwaThixo, UYehova angákunika okuninzi kunoko.
10 UAmatsiya ke wayahlula impi leyo yayize kuye, ivela kwaEfrayim, ukuba iye endaweni yayo. Wavutha umsindo wayo kunene ngakumaYuda; babuya baya endaweni yabo bevutha ngumsindo.
11 UAmatsiya wazomeleza, wabaqhuba abantu bakhe, waya eSihlanjeni seTyuwa, wabulala koonyana bakwaSehire ishumi lamawaka.
12 Oonyana bakaYuda balithimba elinye ishumi lamawaka lihleli; babása encotsheni yengxondorha leyo, babaphosa phantsi encotsheni yengxondorha, badlabhuka bonke bephela.