1 UManase ubeminyaka ilishumi linamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mahlanu anamihlanu engukumkani eYerusalem.
2 Wenza okubi emehlweni kaYehova, ngokwamasikizi eentlanga awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.
3 Wabuya wazakha izigánga, awazidilizayo uHezekiya uyise; wabamisela ooBhahali* izibingelelo, wenza ooAshera,* wawunqula umkhosi wonke wezulu, wawukhonza.
4 Wazakha izibingelelo endlwini kaYehova, awathi uYehova, KuseYerusalem apho liya kuba khona igama lam ngonaphakade.
5 Wawakhela izibingelelo wonke umkhosi wezulu ezintendelezweni zombini zendlu kaYehova.
6 Yena wabacandisa oonyana bakhe emlilweni, emfuleni wakwaBhen-hinom, waba litola, wahlaba izihlabo, wakhafula, wamisa abaneshologu noosiyazi, wakwandisa ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba amqumbise.