16 Wákha isibingelelo sikaYehova, wabingelela phezu kwaso imibingelelo yoxolo neyombulelo; wathi kumaYuda makamkhonze uYehova, uThixo kaSirayeli.
17 Abantu bebesabingelela noko ezigangeni; kodwa babingelela ke kuYehova uThixo wabo yedwa.
18 Ezinye izinto zikaManase, nomthandazo wakhe kuThixo, nokuthetha kweemboni ezibe zithetha kuye egameni likaYehova, uThixo kaSirayeli, nanzo zisemicimbini yookumkani bakwaSirayeli.
19 Nomthandazo wakhe, nokuthandazeka kukaThixo nguye, nezono zakhe, nokumeneza kwakhe, neendawo awakhela kuzo izigánga, wamisa ooAshera nemifanekiso eqingqiweyo, engekazithobi, nanzo zibhaliwe emicimbini kaHozayi.
20 UManase walala kooyise, wangcwatyelwa endlwini yakhe, uAmon, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
21 UAmon ubeminyaka imashumi mabini anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emibini engukumkani eYerusalem.
22 Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengoko wenza ngako uManase uyise. UAmon wabingelela kwimifanekiso yonke eqingqiweyo awayenzayo uManase uyise, wayikhonza.