3 Ngomnyaka wesibhozo wobukumkani bakhe, esemncinane, waqala wamquqela uThixo kaDavide uyise, nangomnyaka weshumi elinesibini waqala wawahlambulula amaYuda neYerusalem, kwizigánga, nooAshera,* nemifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo.
4 Bazidiliza phambi kwakhe izibingelelo zooBhahali,* neentsika zelanga ezibe ziphezu kwazo, wazigawula; ooAshera nemifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo wayaphula, wayicola yaluthuli, wayisasaza phezu kwamangcwaba âbo babebingelele kuyo.
5 Wawatshisa amathambo ababingeleli phezu kwezibingelelo zabo, wawahlambulula ke amaYuda neYerusalem.
6 Nasemizini yakwaManase neyakwaEfrayim neyakwaSimon, kwesa kweyakwaNafetali, emanxuweni azo ngeenxa zonke,
7 wazidiliza izibingelelo, wabaqoba ooAshera nemifanekiso eqingqiweyo, wayicola yaluthuli; wazigawula zonke iintsika zelanga ezweni lonke lakwaSirayeli, wabuyela eYerusalem.
8 Ngomnyaka weshumi elinesibhozo wobukumkani bakhe, ekulihlambululeni kwakhe ilizwe elo nendlu leyo, wathuma uShafan unyana ka-Atsaliya, noMahaseya umphathi womzi, noYowa unyana kaYowahazi, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, ukuba bayihlaziye indlu kaYehova uThixo wakhe.
9 Beza kuHilekiya umbingeleli oyintloko, bayinikela imali ebizisiwe endlwini kaThixo, abayibutháyo abaLevi, abagcini-mnyango, eyabe ivele esandleni samaManase namaEfrayim, nakumaqongqolo onke akwaSirayeli, nakuwo onke amaYuda namaBhenjamin; babuyela eYerusalem.