18 Bekungazanga kwenziwe pasika ngokwaleyo kwaSirayeli, kususela kwimihla kaSamuweli umprofeti. Ookumkani bonke bakwaSirayeli abazanga benzé pasika, ngokwaloo pasika wayenzáyo uYosiya, nababingeleli, nabaLevi, nawo onke amaYuda namaSirayeli abekhona, nabemi baseYerusalem.
19 Kwaba ngomnyaka weshumi elinesibhozo wobukumkani bukaYosiya, ukwenziwa kwaloo pasika.
20 Emveni kwako konke ukuyilungisa kukaYosiya indlu leyo, kwenyuka uNeko, ukumkani waseYiputa, eza kulwa neKarkemishe ngase-Efrati; uYosiya waphuma, waya kulwa naye.
21 Wathuma abathunywa kuye, wathi, Yintoni na enam nawe, kumkani wakwaYuda? Andizé kulwa nawe namhla; ndize endlwini endilwa nayo; uThixo uthe mandikhawulezise; mkhwelele uThixo onam, angàkutshabalalisi.
22 Ke uYosiya akabusonganga ubuso bakhe kuye; wazenza mntu wumbi, ukuba alwe naye; akawaphulaphula amazwi kaNeko, aphuma emlonyeni kaThixo; weza kulwa esihlanjeni saseMegido.
23 Abatoli bamtola ukumkani uYosiya; wathi ukumkani kubakhonzi bakhe, Ndishenxiseni, ngokuba ndingxwelerhwe kakubi.
24 Abakhonzi bakhe bamthula enqwelweni, bamkhwelisa kweyesibini inqwelo abenayo, bamsa eYerusalem; wafa, wangcwatyelwa emangcwabeni ooyise. Onke amaYuda neYerusalem amenzela isijwili uYosiya.