2 Wabamisa ababingeleli phezu kwezigxina zabo, wabomelezela enkonzweni yabo yendlu kaYehova.
3 Wathi kubaLevi ababeqondisa onke amaSirayeli, ababengcwele kuYehova, Yibekeni ityeya engcwele endlwini, awayakhayo uSolomon unyana kaDavide; ukumkani wakwaSirayeli; aniyi kuyithwala emagxeni. Mkhonzeni kaloku uYehova uThixo wenu, nabantu bakhe amaSirayeli.
4 Zilungiseni ngokwezindlu zooyihlo, ngokwamaqela enu, ngokwesibhalo sikaDavide ukumkani wakwaSirayeli, nangokwesibhalo sikaSolomon unyana wakhe;
5 nithi engcweleni nimele izahlulo zezindlu zooyise zabazalwana benu, oonyana babantu, iqela eli labaLevi limèle indlu enye yooyise.
6 Nize niyixhele ipasika, nizingcwalise, niyilungisele abazalwana benu, kwenziwe ngokwelizwi likaYehova ngesandla sikaMoses.
7 UYosiya wabarhumela oonyana babantu, bonke abafunyanwayo khona, impahla emfutshane, iimvana, namatakane eebhokhwe, onke láwo angawepasika, engamawaka amashumi mathathu inani; namawaka amathathu eenkomo. Konke oko kwaphuma kwimfuyo yokumkani.
8 Abathetheli bakhe babarhumela abantu nababingeleli nabaLevi iminikelo yabaqhutywa yintliziyo. UHilekiya, noZekariya, noYehiyeli, iingànga zendlu kaThixo, babanika ababingeleli amawaka amabini anamakhulu mathandathu amatakane angawepasika, namakhulu amathathu eenkomo.