3 Yangumfuziselo wamathangazana ngaphantsi kodini ngeenxa zonke, alujikeleza ngeenxa zonke: alishumi ekubhitini, aluzunguleza ulwandle, yamibini imikrozo yamathangazana, ityhidiwe ekutyhidweni kwalo.
4 Ulwandle lwema phezu kweenkomo ezilishumi elinambini: ezintathu zibheke entla, ezintathu zibheke entshonalanga, ezintathu zibheke ezantsi, ezintathu zibheke empumalanga; ulwandle lubekwe phezu kwazo ngaphezulu, imiva yazo yonke isinge phakathi.
5 Ubungqingqwa balo bebungangobubanzi besandla; udini lwalo belwenziwe lwanjengodini lwendebe, lwaneentyantyambo zeenyibiba; lwaye lungena iibhate* ezimawaka mathathu.
6 Wenza izitya zokuhlambela zalishumi; wabeka zazihlanu ngasekunene, zazihlanu ngasekhohlo, ukuze kuhlanywe kuzo, kuhlanjululwe into yomsebenzi wedini elinyukayo kuzo; ke lona ulwandle belulolokuze ababingeleli bahlambe kulo.
7 Wenza iziphatho zezibane zegolide zalishumi ngokwesiko lazo, wazimisa etempileni: zazihlanu ngasekunene, zazihlanu ngasekhohlo.
8 Wenza iitafile ezilishumi, wazimisa etempileni: zantlanu ngasekunene, zantlanu ngasekholo. Wenza ikhulu lezitya zokutshiza zegolide.
9 Wenza intendelezo yababingeleli, nentendelezo enkulu, neengcango zentendelezo; wazaleka iingcango zazo ngobhedu.