1 Ke kaloku amaMowabhi akreqa kumaSirayeli emva kokufa kuka-Ahabhi.
2 UAhaziya wawa efestileni yegumbi lakhe eliphezulu elikwaSamari, wahliwa kukufa ke; wathuma abathunywa, wathi kubo, Hambani niye kubuzisa kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron, ukuba ndiya kuphila na kwesi sifo.
3 Ke isithunywa sikaYehova sasithethile kuEliya waseTishbhi, sathi, Suka, unyuke uye kukhawulela abathunywa bokumkani wakwaSamari, uthethe kubo, uthi, Kungokuba kungekho Thixo kwaSirayeli na, le nto niya kubuzisa kuBhahalizebhubhi, uthixo wase-Ekron?
4 Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Isingqengqelo eso, ùnyuke waya kuso, akusayi kuhla kuso; inene, uya kufa. Wahamba ke uEliya.
5 Babuya abathunywa, beza kuye. Wathi kubo, Yini na ukuba nibuye?