18 UYehu wabahlanganisa bonke abantu, wathi kubo, UAhabhi wamkhonza kancinane uBhahali,* uYehu yena uya kumkhonza kakhulu.
19 Ke ngoko babizeleni kum abaprofeti bakaBhahali bonke, abakhonzi bakhe bonke, nababingeleli bakhe bonke. Makungabikho mntu ungekhoyo; ngokuba ndinombingelelo omkhulu kuBhahali. Bonke abathe àbabakho, abayi kudla bomi. UYehu waye esenza le nto ebalalanisa, ukuze abatshabalalise abakhonzi bakaBhahali.
20 Wathi uYehu, Mmemeleni ingqungquthela engcwele uBhahali. Bayimema ke.
21 UYehu wathumela kumaSirayeli onke; beza bonke abakhonzi bakaBhahali, kwada akwasala namnye ungezanga. Bangena endlwini kaBhahali, bayizalisa indlu kaBhahali, kwathabathela kwelinye icala kwesa kwelinye.
22 Wathi kumphathi wendlu yeengubo, Barholeleni bonke abakhonzi bakaBhahali iingubo; wabarholela ke iingubo.
23 Wangena uYehu noYehonadabhi, unyana kaRekabhi, endlwini kaBhahali, wathi kubakhonzi bakaBhahali, Funisisani nikhangele, hleze kubekho kuni apha omnye wakubakhonzi bakaYehova; mayibe ngabakhonzi bakaBhahali bodwa.
24 Bangena ke, baya kwenza imibingelelo namadini anyukayo.UYehu wayezimisele ngaphandle amashumi osibhozo amadoda, wathi, Indoda ethe yasindisa umntu kula madoda, ndiwazisileyo ezandleni zenu, umphefumlo wayo woba sesikhundleni somphefumlo walowo usindileyo.