27 zazidiliza izimiso zamatye zikaBhahali, zayidiliza indlu kaBhahali, zayenza indawo ekuyiwa kuyo endle unanamhla.
28 UYehu wamtshabalalisa ke uBhahali kwaSirayeli;
29 kodwa izono zikaYarobheham, unyana kaNebhati, awawonisa amaSirayeli ngazo, uYehu akatyekanga ekuzilandeleni, ezingamathole egolide abeseBheteli nabekwaDan.
30 Wathi uYehova kuYehu, Ngenxa enokuba ulungisile ukwenza okuthe tye emehlweni am, wenza kwindlu ka-Ahabhi njengako konke okusentliziyweni yam: oonyana bakho besizukulwana sesiné baya kukuhlalela etroneni yakwaSirayeli.
31 Ke uYehu akakugcinanga ukuhamba ngomyalelo kaYehova uThixo kaSirayeli ngentliziyo yakhe yonke; akatyekanga ezonweni zikaYarobheham, awawonisa ngazo amaSirayeli.
32 Ngaloo mihla waqala uYehova ukunciphisa kumaSirayeli. Wawaxabela uHazayeli emideni yonke yakwaSirayeli,
33 wathabathela eYordan empumalanga, lonke ilizwe laseGiliyadi, elamaGadi, nelamaRubhen, nelamaManase; wathabathela eArohere, engasemlanjaneni oyiArnon, elaseGiliyadi nelaseBhashan.