18 Baya bonke abantu belizwe endlwini kaBhahali,* bayidiliza; izibingelelo zakhe nemifanekiso yakhe bayiqhekeza kwaphela. Bambulala uMatan, umbingeleli kaBhahali, phambi kwesibingelelo. Umbingeleli wamisa abaveleli endlwini kaYehova.
19 Wabathabatha abathethelimakhulu, nabancinithi, nezigidimi, nabantu bonke belizwe, behla nokumkani endlwini kaYehova, baya endlwini yokumkani ngendlela yesango lezigidimi. Wahlala ke etroneni yokumkani.
20 Bavuya bonke abantu belizwe; wazola umzi; kuba babembulele uAtaliya ngekrele endlwini yokumkani.
21 UYowashe ubeminyaka isixhenxe ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe.