2 Ke uYoshebha, intombi yokumkani uYehoram, udade boAhaziya, wamthabatha uYowashe unyana ka-Ahaziya, wamba phakathi koonyana bokumkani ababulawáyo, wamsa yena nomondli wakhe egumbini lokulala, bamfihla kuAtaliya, ukuba angàbulawa.
3 Wayenaye endlwini kaYehova, ezinyeziwe, iminyaka emithandathu. Waye uAtaliya engukumkanikazi kulo ilizwe.
4 Ngomnyaka wesixhenxe uYehoyada wathumela, wathabatha abathethelimakhulu basebancinithini nabasezigidimini, wabazìsa kuye endlwini kaYehova. Wabamisela umnqohiso, wabafungisa endlwini kaYehova, wababonisa unyana wokumkani.
5 Wabawisela umthetho, wathi, Yiyo le into eniya kuyenza: Isahlulo sesithathu kuni, bangénayo ngesabatha, sogcina isigxina sendlu yokumkani;
6 esinye isahlulo sesithathu sibe sesangweni laseSure; esinye isahlulo sesithathu sibe sesangweni emva kwezigidimi; nisigcine isigxina sendlu, nithintele.
7 Ke izahlulo ezibini phakathi kwenu nonke, niphumayo ngesabatha, zosigcina isigxina sendlu kaYehova kukumkani;
8 nimphahle ukumkani ngeenxa zonke, elowo eneentonga zakhe esandleni sakhe; athi ongene ezintlwini abulawe, nibe nokumkani ekuphumeni kwakhe nasekubuyeni kwakhe.