1 Ngomnyaka wamashumi omabini anesixhenxe kaYarobheham ukumkani wakwaSirayeli, waba ngukumkani uAzariya, unyana ka-Amatsiya ukumkani wakwaYuda.
2 Ubeminyaka ilishumi linamithandathu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba neminyaka emashumi mahlanu anamibini engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYekoliya waseYerusalem.
3 Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uAmatsiya uyise;
4 kodwa azisuswanga izigánga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni.
5 UYehova wambetha ukumkani, waba neqhenqa kwada kwayimini yokufa kwakhe; wahlala endlwini eyodwa. Ke uYotam, unyana wokumkani, ebephethe ibhotwe, ebalawula abantu belizwe.