2 Ookumkani 16:9-15 XHO75

9 Ukumkani waseAsiriya wamphulaphula; wenyuka ukumkani waseAsiriya waya eDamasko, wayithimba, wabafudusa abantu wabása eKiri, wambulala uRetsin.

10 Ukumkani uAhazi waya kumhlangabeza uTigelate-pilezere, ukumkani waseAsiriya, eDamasko. Wabona isibingelelo esiseDamasko. UAhazi ukumkani wayithumela imfano yesibingelelo eso, isilinganiso saso ngokusetyenzwa kwaso konke, ku-Uriya umbingeleli.

11 Wasakha ke isibingelelo u-Uriya umbingeleli, njengako konke abemthumele khona uAhazi ukumkani eDamasko. Wenjenjalo u-Uriya umbingeleli, wada wafika ukumkani uAhazi evela eDamasko.

12 Weza ukumkani evela eDamasko, wasibona ukumkani isibingelelo eso; wasondela ukumkani kuso isibingelelo, wenyuka waya kuso;

13 waqhumisela ngedini lakhe elinyukayo nangomnikelo wakhe wokudla, wathulula umnikelo wakhe othululwayo, watshiza ngegazi lemibingelelo yakhe yoxolo esibingelelweni.

14 Ke isibingelelo sobhedu, esibe siphambi koYehova, wasisusa phambi kwendlu, phakathi kwesibingelelo sakhe nendlu kaYehova, wasisondeza, wasibeka ecaleni lesibingelelo ngentla.

15 UAhazi ukumkani wamwisela umthetho u-Uriya umbingeleli, wathi, Phezu kwesibingelelo esikhulu qhumisela ngedini elinyukayo lokusa, nangomnikelo wokudla wangokuhlwa, nangedini elinyukayo lokumkani, nangomnikelo wakhe wokudla, nangedini elinyukayo labantu bonke belizwe, nangomnikelo wabo wokudla, nangeminikelo yabo ethululwayo, utshize kuso ngegazi lonke ledini elinyukayo, negazi lonke lombingelelo; ke sona isibingelelo sobhedu ndiya kukha ndibuzise ngaso.