32 ndide ndize ndinise ezweni elinjengelizwe lenu, ilizwe lengqolowa newayini entsha, ilizwe lesonka nezidiliya, ilizwe lomnquma oneoli, elinobusi, nidle ubomi, ningafi. Musani ukumphulaphula uHezekiya; ngokuba uyaninyanga xa athi, UYehova uya kunihlangula.
33 Oothixo beentlanga balihlangula na elowo ilizwi lakhe esandleni sokumkani waseAsiriya!
34 Baphi na oothixo baseHamati neArpadi? Baphi na oothixo baseSefarvayim, neHena, neIva, ukuba bangabi balihlangula elakwaSamari esandleni sam?
35 Nguwuphi na koothixo bonke bala mazwe, olihlanguleyo ilizwe lakhe esandleni sam, ukuba ade uYehova ayihlangule iYerusalem esandleni sam?
36 Bathi tu abantu, àbamphendula nalizwi; ngokuba umthetho wokumkani wona ubusithi, Ize ningamphenduli.
37 Beza ke ooEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, kuHezekiya, bezikrazule iingubo zabo, bamxelela amazwi kaRabheshake.