1 Kwathi ekuza kumnyuseni kukaYehova uEliya ngomoya ovuthuzayo, ukuba aye emazulwini, wabe uEliya ehamba noElisha, besuka eGiligali.
2 Wathi uEliya kuElisha, Khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithumé eBheteli. Wathi uElisha, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Behla ke, baya eBheteli.
3 Baphuma oonyana babaprofeti, ababeseBheteli, baya kuElisha, bathi kuye, Ùyazi na kodwa ukuba namhlanje úyayisusa uYehova inkosi yakho entlokweni yakho? Wathi, Ndiyayazi loo nto; yithini cwaka.
4 Wathi uEliya kuye, Elisha, khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithumé eYeriko. Wathi, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Bangena ke eYeriko.