1 UYosiya ubeminyaka isibhozo ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mathathu anamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYedida, intombi ka-Adaya waseBhotsekati.
2 Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela yonke kaDavide uyise; akatyekela ngasekunene nangasekhohlo.
3 Kwathi ngomnyaka weshumi elinesibhozo wokumkani uYosiya, ukumkani wathuma uShafan, unyana ka-Atsaliya, unyana kaMeshulam, umbhali, endlwini kaYehova, esithi,
4 Nyuka uye kuHilekiya umbingeleli omkhulu, ayilungise imali ezisiweyo endlwini kaYehova, abayihlanganisileyo abagcini-mnyango ebantwini.
5 Mabayinikele esandleni sabenzi bomsebenzi, abayikhangelayo indlu kaYehova, bayinikele kubenzi bomsebenzi osendlwini kaYehova, zitywinwe iintanda zendlu;
6 bayinikele kwiingcibi zemithi, nakubakhi, nakwabakha ngamatye; kuthengwe imithi namatye axholiweyo, kuhlaziywe indlu.
7 Kodwa bekungabalelwana nabo ngemali ebinikelwe esandleni sabo; ngokuba basebenza benyanisekile.