26 Akabuyanga noko uYehova ekuvutheni komsindo wakhe omkhulu, umsindo wakhe owavutha kumaYuda, ngenxa yokuqumbisa konke abequmbise ngako uManase.
27 Wathi uYehova, Ndiya kuwasusa namaYuda ebusweni bam, njengokuba ndawasusayo amaSirayeli, ndiwulahle lo mzi ndawunyulayo, iYerusalem le, nendlu le ndàthi, Liya kuba kuyo igama lam.
28 Ezinye izinto zikaYosiya, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
29 Ngemihla yakhe wenyuka uFaroneko, ukumkani waseYiputa, waya kulwa nokumkani waseAsiriya, emlanjeni ongumEfrati. Wahamba ukumkani uYosiya, waya kumhlangabeza; wambulala eMegido, akumbona.
30 Bamthwala ngenqwelo abakhonzi bakhe, efele eMegido, bamsa eYerusalem, bamngcwabela engcwabeni lakhe. Abantu belizwe bathabatha uYehowahazi unyana kaYosiya, bamthambisa, bamenza ukumkani esikhundleni sikayise.
31 UYehowahazi ubeminyaka imashumi mabini anamithathu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; zaba ntathu iinyanga engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguHamutali, intombi kaYeremiya waseLibhena.
32 Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengako konke abakwenzayo ooyise.