1 Ke kaloku umfazi othile kubafazi boonyana babaprofeti wakhala kuElisha, esithi, Umkhonzi wakho indoda yam ifile. Ùyazi wena ukuba umkhonzi wakho lowo ebemoyika uYehova; ke umboleki-mali uze kubathabathela kuye oonyana bam bobabini, ukuba babe ngamakhoboka.
2 Wathi uElisha kuye, Ndikwènzele ntoni na? Ndíxelele, unantoni na endlwini? Wathi, Umkhonzazana wakho akananto endlwini, kuphela ligubu leoli.
3 Wathi, Hamba uye kuzibolekela izitya ngaphandle, kubamelwane bakho bonke, izitya ezizé; zingabi mbalwa;
4 ungene, uzivalele wena noonyana bakho, uthululele kwezo zitya zonke, uzishenxise ezizeleyo.
5 Wemka ke kuye, wazivalela, yena noonyana bakhe; bezisa kuye bona, wathulula yena.