3 Wathi, Hamba uye kuzibolekela izitya ngaphandle, kubamelwane bakho bonke, izitya ezizé; zingabi mbalwa;
4 ungene, uzivalele wena noonyana bakho, uthululele kwezo zitya zonke, uzishenxise ezizeleyo.
5 Wemka ke kuye, wazivalela, yena noonyana bakhe; bezisa kuye bona, wathulula yena.
6 Kwathi, zakuzala izitya, wathi kunyana wakhe, Zisa esinye isitya kum. Wathi yena kuye, Akusekho sitya: yanqamka ke ioli.
7 Waya waxelela umfo wakwaThixo; wathi yena, Hamba uye kuthengisa ngeoli leyo, uhlawule ityala lakho, uphile wena noonyana bakho ngeseleyo.
8 Kwathi ngamhla uthile, uElisha wagqithela eShunem, apho kwaye kukho intokazi elinonokazi; yamzama ukuba adle isonka. Ubesithi, xa agqithayo, aphambukele khona ukuba adle isonka.
9 Yathi endodeni yayo, Ùyabona ke, ndiyaqonda ukuba lo mfo ùngcwele wakwaThixo úmana egqitha apha.