23 Wabenzela isidlo esikhulu; badla basela; wabandulula, bahamba baya enkosini yabo. Akaba saphinda amatutu ama-Aram ukulingena ilizwe lamaSirayeli.
24 Kwathi emva koko, wayihlanganisa uBhen-hadade, ukumkani wakwa-Aram, yonke impi yakhe, wenyuka wawungqinga umzi wakwaSamari.
25 Kwabakho ke indlala enkulu kwaSamari. Yabona, bawungqinga ke, yada intloko ye-esile yathengiswa ngamashumi osibhozo eeshekele zesilivere,* nesahlulo sesiné sekabhe* yendlelo yamavukuthu saba sisihlanu sesilivere.
26 Kwathi, edlula ukumkani wakwaSirayeli phezu kodonga, intokazi yamemeza kuye, isithi, Sindisa, nkosi yam, kumkani.
27 Wathi yena, Engakusindisi nje uYehova, ndokusindisa ngantoni na mna? ngesandá, ngesixovulelo sediliya, kusini na?
28 Wathi ukumkani kuyo, Ùhlelwe yintoni na? Wathi, Lo mfazi uthe kum, Ndínike unyana wakho, sidle yena namhla, sidle unyana wam ngomso.
29 Sampheka ke unyana wam, samdla; ndathi kuye ngomhla olandelayo, Ethe unyana wakho, simdle; wamzimeza unyana wakhe.