12 Ekubeni wena ukwenze oku ngasese, ke mna ndiya kuyenza le nto phambi kwamaSirayeli onke, naphambi kwelanga eli.
13 Wathi uDavide kuNatan, Ndonile kuYehova. Wathi uNatan kuDavide, Naye uYehova usikhwelelisile isono sakho, akuyi kufa.
14 Kodwa ke, ngenxa yokuba uziniké ithuba lokunyelisa iintshaba zika Yehova ngale nto, ke unyana omzalelweyo ngulo mfazi uya kufa ngenene.
15 Waya uNatan endlwini yakhe.UYehova wamhlisela isifo umntwana abemzalelwe uDavide ngumkaUriya; wagula kakhulu.
16 UDavide wambongoza uThixo ngenxa yenkwenkwe leyo; uDavide wazila ukudla, waqungquluza emhlabeni bonke ubusuku.
17 Asuka ema amadoda amakhulu endlu yakhe, emvusa emhlabeni; akavuma, akadla sonka nawo.
18 Kwathi ngomhla wesixhenxe, wafa umntwana. Boyika abakhonzi bakaDavide ukumxelela ukuba umntwana ufile; ngokuba babesithi, Yabonani, oko umntwana ebesahleli, sathetha naye, àkaliphulaphula ilizwi lethu; sòthini na ukuthi kuye, Ufile umntwana, aze enze into embi?