2 Esisityebi yayinempahla emfutshane neenkomo ezininzi kunene.
3 Elihlwempu yayingenanto, kuphela yayinemvanazana encinane inye, ebiyizuzile, yayigcina; yakhulela kuyo nabantwana bayo ndaweni-nye, yadla eqhekezeni layo, yasela endebeni yayo, yalala esifubeni sayo, yanjengentombi yayo.
4 Kwafika umhambi endodeni esisityebi eso, sanqena ukuthabatha empahleni yaso emfutshane nasezinkomeni zaso, ukulungiselela umhambi lowo ufikileyo kuso; sesuka sathabatha imvanazana yendoda elihlwempu, salungiselela umntu ofike kuso.
5 Wavutha kunene umsindo kaDavide kwindoda leyo, wathi kuNatan, Ehleli nje uYehova, ngumfo wokufa loo ndoda yenzé le nto.
6 Iya kuyimisela ngesiné imvanazana leyo, ngenxa enokuba yenze loo nto, nangenxa yokuba ingabanga nalufefe.
7 Waza wathi uNatan kuDavide, Loo ndoda nguwe. Utsho uYehova uThixo kaSirayeli ukuthi, Mna ndákuthambisa ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli, mna ndákuhlangula esandleni sikaSawule,
8 ndakunika indlu yenkosi yakho, nabafazi benkosi yakho esifubeni sakho, ndakunika indlu yakwaSirayeli neyakwaYuda; ke, ukuba bekukuncinane oko, ngendikongezile ndenjenje, ndenjenje.