7 Kwathi, ekupheleni kweminyaka emashumi mané, wathi uAbhisalom kukumkani, Makhe ndiye ndisizalise isibhambathiso, endabhambathisa ngaso kuYehova eHebron;
8 ngokuba umkhonzi wakho wabhambathisa ngesibhambathiso ekuhlaleni kwakhe eGeshuri kwa-Aram, esithi, Ukuba uYehova uthe wandibuyisela ngenene eYerusalem, ndomkhonza uYehova.
9 Wathi ukumkani kuye, Hamba úxolile. Wesuka ke, waya eHebron.
10 UAbhisalom wathumela iintlola ezizweni zonke zakwaSirayeli, esithi, Nákuliva izwi lesigodlo, yithini, UAbhisalom ungukumkani eHebron.
11 Kwaphuma eYerusalem, kwahamba noAbhisalom, amakhulu amabini amadoda amenyiweyo; ayehamba eyeke umzimba, engazi nto.
12 UAbhisalom wathumela, wabiza uAhitofele waseGilo, umphakathi kaDavide, emzini wakhe eGilo, ebingelela imibingelelo. Laba namandla elo yelenqe; kuba abantu baya besanda kuAbhisalom.
13 Kwafika umntu, wamxelela uDavide, esithi, Iintliziyo zamadoda akwaSirayeli zilandele uAbhisalom.