4 Wathi ukumkani kuTsibha, Nanko, kukokwakho konke okukaMefibhoshete. Wathi uTsibha, Ndiyaqubuda; mandibabalwe nguwe, nkosi yam kumkani.
5 Wafika ukumkani uDavide eBhahurim, nanko, kuphuma khona indoda yomzalwane wendlu kaSawule, egama linguShimehi, unyana kaGera; yaphuma yahamba itshabhisa.
6 Yamxuluba ngamatye uDavide, nabakhonzi bonke bokumkani uDavide; bonke abantu namagorha onke babengasekunene nangasekhohlo kuye.
7 Wathi uShimehi ukutshabhisa kwakhe, Phuma, phuma, mfondini wamagazi, mfondini ulitshijolo;
8 uYehova uwabuyisele phezu kwakho onke amagazi endlu kaSawule, othe wena wangukumkani esikhundleni sakhe; uYehova ubunikele ubukumkani esandleni sika-Abhisalom, unyana wakho. Yabona, weyelé ebubini bakho, ngokuba ungumfo wamagazi.
9 Wathi ke uAbhishayi unyana kaTseruya kukumkani, Kungani na ukuba le nja ifileyo iyitshabhise inkosi yam ukumkani? Makhe ndiwele, ndiyinqumle intloko.
10 Wathi ukumkani, Yintoni na enam nani, nina nyana bakaTseruya? Myeke atshabhise; xa uYehova athe kuye, Mtshabhise uDavide, ngubani na oya kuthi, Yini na ukuba wenjenjalo?