14 Wayitsala intliziyo yamadoda onke akwaYuda njengandoda-nye; athumela kukumkani athi, Buya wena, nabakhonzi bakho bonke.
15 Wabuya ke ukumkani, wafika eYordan. Ke amaYuda afika eGiligali, esiya kumkhawulela ukumkani, amweze ukumkani eYordan.
16 UShimehi unyana kaGera, umBhenjamin waseBhahurim, wakhawuleza, wehla namadoda akwaYuda, esiya kumkhawulela ukumkani uDavide,
17 enewaka lamadoda akwaBhenjamin, noTsibha umkhonzi wendlu kaSawule, noonyana bakhe abalishumi elinabahlanu, nabakhonzi bakhe abangamashumi amabini kunye naye; baphumela eYordan phambi kokumkani.
18 Kwawela umkhombe wokuweza, ukuba uyiweze indlu yokumkani, wenze okulungileyo emehlweni akhe. UShimehi, unyana kaGera, wawa phambi kokumkani ekuweleni kwakhe eYordan,
19 wathi kukumkani, Inkosi yam mayingabàleli bugwenxa kum, ungakukhumbuli oko wakwenzayo umkhonzi wakho ngobugwenxa, ngalaa mini yaphuma ngayo inkosi yam ukumkani eYerusalem, ukuba ukumkani akubekele intliziyo oko.
20 Ngokuba umkhonzi wakho lo uyazi, ukuba wóna ngalaa nto; nanku, ndingowokuqala ofikileyo namhla wasendlwini yonke kaYosefu, ukuba ndihle ndiyikhawulele inkosi yam ukumkani.