1 Kwathi emveni koko, wabuza uDavide kuYehova, esithi, Ndinyùke na ndiye emzini wakwaYuda? Wathi uYehova kuye, Nyuka. Wathi uDavide, Ndinyùke ndiye phi na? Wathi yena, EHebron.
2 Wenyuka ke waya khona uDavide, nabafazi bakhe bobabini, uAhinowam waseYizereli, noAbhigali, umkaNabhali, waseKarmele.
3 Namadoda akhe abenawo wawanyusa uDavide, yayileyo nendlu yayo, ahlala emizini yaseHebron.
4 Eza amadoda akwaYuda, amthambisa khona apho uDavide ukuba abe ngukumkani kwindlu yakwaYuda.Kwaxelwa kuDavide, kusithiwa, Amadoda aseYabheshe yaseGiliyadi, ngawo awamngcwabáyo uSawule.
5 UDavide wathumela ke abathunywa kumadoda aseYabheshe yaseGiliyadi, wathi kuwo, Manisikelelwe nguYehova nina, nayenzelayo inkosi yenu uSawule loo nceba, nayingcwaba.
6 Ngoko uYehova makanenzele inceba nenyaniso; nam ndiya kunenzela oko kulungileyo, ngokuba nayenzayo loo nto.