10 Ke uAmasa ubengalilumkele ikrele elibe lisesandleni sikaYowabhi. Wamhlaba ngalo esiswini, wamphalaza izibilini emhlabeni, akaphinda amhlabe; wafa. UYowabhi noAbhishayi umzalwana wakhe bamsukela uShebha, unyana kaBhikri.
11 Kwema enye kumadodana akwaYowabhi ngakuye, yathi, Ubani ononelele uYowabhi, nongakuDavide, makalandele uYowabhi.
12 UAmasa watyikatyikeka egazini emendweni. Yabona indoda leyo, ukuba abantu bonke bathe nqumama, yamsusa uAmasa emendweni, yamshenxisela ecaleni, yaphosa ingubo phezu kwakhe; ngokokuba ibibona bemana ukuthi nqumama bonke abafika kuye.
13 Ákususwa ke emendweni, onke amadoda egqitha, alandela uYowabhi, asukela uShebha, unyana kaBhikri.
14 Wacanda ezizweni zonke zakwaSirayeli, waya eAbhele naseBhete-mahaka; namadodana onke abizelwa ndawonye, eza amlandela nawo.
15 Bafika bamngqinga eAbhele-bhete-mahaka, bawufumbela udonga lokungqinga umzi lowo, lwema phezu komsele wongqameko; baye bonke abantu ababenoYowabhi beluqhuqha, ukuze udonga lomzi luwe.
16 Kwamemeza intokazi elumkileyo ikuloo mzi, yathi, Yivani, yivani; khanithi kuYowabhi, Sondela apha, ndithethe nawe.