9 Nganeno kwakhe nguElazare, unyana kaDodayi, unyana womAhowa, obelelinye kumagorha lawo mathathu abenoDavide ekuwangcikiveni kwawo amaFilisti, abebuthelene khona emfazweni, akubon' ukuba anyukile amadoda akwaSirayeli:
10 yena wesuka wawabulala amaFilisti, sada sadinwa isandla sakhe, somela ekreleni isandla sakhe; wenza ke uYehova usindiso olukhulu ngaloo mini; babuya abantu bamlandela, banela ukuthimba kuphela.
11 Nganeno kwakhe nguShama, unyana ka-Age umHarari. AmaFilisti ayehlanganisene asisiqhu. Kwaye kukho apho isiqwenga somhlaba sizele ziintlumaya; basaba abantu ebusweni bamaFilisti;
12 wesuka yena wema esazulwini sesiqwenga eso, wasihlutha, wawabulala amaFilisti. UYehova wenza ke usindiso olukhulu.
13 Kwehla isithathu sabaziintloko emashumini amathathu abaphathi-mikhosi, beza kuDavide, xa kuvunwayo, emqolombeni waseAdulam; saye isiqhu samaFilisti simise iintente entilini yamaRafa.
14 UDavide oko ubesemboniselweni; ikampu yamaFilisti oko ibiseBhetelehem.
15 Wanqwena uDavide, wathi, Akwaba, bethu, bendingàsezwa amanzi equla laseBhetelehem, elisesangweni!