11 Wavuka kusasa uDavide; ilizwi likaYehova lafika kuGadi umprofeti, imboni kaDavide, lisithi,
12 Yiya uthethe kuDavide, uthi, Útsho uYehova ukuthi, Ndikumisela izinto ezintathu; zinyulele ibe nye kuzo, ndiyenze kuwe.
13 Waya ke uGadi kuDavide, wamxelela, wathi kuye, Uzèlwe sisixhenxe seminyaka yendlala ezweni lakho na? Usábe phambi kweentshaba zakho iinyanga zibe ntathu, zikusukela, kusini na? Kúbekho indyikitya yokufa iimini ezintathu ezweni lakho, kusini na? Yazi ngoku, úlenze ilizwi endombuyisela lona ondithumileyo.
14 Wathi uDavide kuGadi, Ndididekile kunene. Masesisiwa esandleni sikaYehova; ngokuba ininzi imfesane yakhe; mandingaweli esandleni somntu.
15 UYehova wathoba ke indyikitya yokufa kwaSirayeli, yathabathela ekuseni yesa kwixa lentlanganiso; kwafa ebantwini, bethabathela kwaDan bese eBher-shebha, amashumi asixhenxe amawaka amadoda.
16 Saza isithunywa sesa isandla saso kwiYerusalem, ukuba siyitshabalalise; wazohlwaya uYehova ngenxa yobubi obo, wathi kwisithunywa eso sìtshabalalisa abantu, Kwanele; sithobe kaloku isandla sakho.Ke kaloku isithunywa sikaYehova besisesandéni sika-Aravena umYebhusi.
17 Wathetha uDavide kuYehova akusibona isithunywa eso sibetha ebantwini, wathi, Ùyabona, ndonile mna, ndenzé ngobugwenxa mna; umhlambi lo wona wenzé ntoni na? Isandla sakho masibe phezu kwam nendlu kabawo.