15 UYehova wathoba ke indyikitya yokufa kwaSirayeli, yathabathela ekuseni yesa kwixa lentlanganiso; kwafa ebantwini, bethabathela kwaDan bese eBher-shebha, amashumi asixhenxe amawaka amadoda.
16 Saza isithunywa sesa isandla saso kwiYerusalem, ukuba siyitshabalalise; wazohlwaya uYehova ngenxa yobubi obo, wathi kwisithunywa eso sìtshabalalisa abantu, Kwanele; sithobe kaloku isandla sakho.Ke kaloku isithunywa sikaYehova besisesandéni sika-Aravena umYebhusi.
17 Wathetha uDavide kuYehova akusibona isithunywa eso sibetha ebantwini, wathi, Ùyabona, ndonile mna, ndenzé ngobugwenxa mna; umhlambi lo wona wenzé ntoni na? Isandla sakho masibe phezu kwam nendlu kabawo.
18 Waya ke uGadi kuDavide ngaloo mini, wathi kuye, Nyuka, uye ummisele uYehova isibingelelo esandéni sika-Aravena umYebhusi.
19 Wenyuka uDavide ngokwelizwi likaGadi, njengoko uYehova abemwisele umthetho ngako.
20 Walunguza uAravena, wambona ukumkani nabakhonzi bakhe besiza kuye. Waphuma uAravena, waqubuda kukumkani ngobuso emhlabeni.
21 Wathi uAravena, Izelani na inkosi yam ukumkani kumkhonzi wayo? Wathi uDavide, Ndiza kuthenga isandá kuwe, ukuba ndakhele uYehova isibingelelo, sithintelwe isibetho ebantwini.