18 yenzani kaloku, ngokuba uYehova utshilo kuDavide, ukuthi, Ndiya kubasindisa ngesandla sikaDavide, umkhonzi wam, abantu bam amaSirayeli esandleni samaFilisti, nasesandleni seentshaba zabo zonke.
19 Kananjalo uAbhinere ebethethile ezindlebeni zamaBhenjamin; kanjalo uAbhinere waya kuthetha ezindlebeni zikaDavide eHebron konke okulungileyo phambi kwamaSirayeli, naphambi kwendlu yonke yakwaBhenjamin.
20 Waya ke uAbhinere kuDavide eHebron, enamashumi amabini amadoda. UDavide wamenzela ke isidlo uAbhinere namadoda akhe abenawo.
21 Wathi uAbhinere kuDavide, Ndiya kusuka ndiwahlanganisele enkosini yam ukumkani onke amaSirayeli, enze umnqophiso nawe, ube ngukumkani entweni yonke oyinqwenelayo umphefumlo wakho. UDavide wamndulula uAbhinere; wahamba exolile.
22 Kwabonakala abakhonzi bakaDavide benoYowabhi, bevela emsebenzini wokututa, besiza namaxhoba amaninzi. Ke uAbhinere ebengasekhona kuDavide eHebron, ngokuba ubemndulule, wahamba exolile.
23 Bafika ooYowabhi nomkhosi wonke anawo. Kwaxelwa kuYowabhi, kwathiwa, UAbhinere unyana kaNere ubezile kukumkani, wamndulula, wahamba exolile.
24 Waya uYowabhi kukumkani, wathi, Yintoni na le uyenzileyo? Ùyabona, ubezile uAbhinere kuwe; yintoni na le nto umndululeyo, wahamba wemka?