29 makabe phezu kwentloko kaYowabhi, naphezu kwendlu yonke kayise; makanganqunyulwa angabikho endlwini kaYowabhi umntu obhobhozayo, oneqhenqa, osimelela ngentonga, owa ngekrele, oswele ukudla.
30 UYowabhi noAbhishayi umninawa wakhe bambulala ke uAbhinere, ngenxa enokuba ebembulele uAsaheli umninawa wabo eGibheyon emfazweni.
31 Wathi uDavide kuYowabhi nakubantu bonke anabo, Krazulani iingubo zenu, nibhinqe ezirhwexayo, nimmbambazelele uAbhinere. UDavide ukumkani walilandela ithala.
32 Bamngcwabela eHebron uAbhinere. Waliphakamisa ukumkani ilizwi lakhe, walila engcwabeni lika-Abhinere. Balila abantu bonke.
33 Ukumkani wamenzela isimbonono uAbhinere, wathi,Angafa ngokufa kwesidenge na uAbhinere?
34 Izandla zakho bezingakhonkxwanga, iinyawo zakho bezingafakwanga amakhamandela obhedu,Uwé njengowa phambi kwamabhedengu.
35 Baphinda bonke abantu bamlilela. Bonke abantu beza kumdlisa uDavide isonka, kusesemini. Wafunga uDavide, esithi. UThixo makenjenje kum, aqokele ukwenjenje, ukuba ndithe, lingekatshoni ilanga, ndeva isonka, nokuba yinto eyiyimbi.