10 Waya uDavide eba mkhulu ngokuba mkhulu, uYehova uThixo wemikhosi waba naye.
11 Ke kaloku uHiram, ukumkani waseTire, wathumela abathunywa kuDavide, nemisedare,* neengcibi zemithi, neengcibi zamatye eendonga; zamakhela uDavide indlu.
12 Wazi uDavide ukuba uYehova umqinisile wangukumkani; ukuba ubuphakamisile ubukumkani bakhe ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli.
13 UDavide wabuya wazeka abafazi namashweshwe eYerusalem, emveni kokusuka kwakhe eHebron; wabuya wazalelwa oonyana neentombi uDavide.
14 Ngawo la amagama abo wabazalelwáyo eYerusalem: nguShamuwa, noShobhabhi, noNatan, noSolomon,
15 noIbhehare, noElishuwa, noNefege, noYafiya,
16 noElishama, noEliyada, noElifelete.