13 UDavide wabuya wazeka abafazi namashweshwe eYerusalem, emveni kokusuka kwakhe eHebron; wabuya wazalelwa oonyana neentombi uDavide.
14 Ngawo la amagama abo wabazalelwáyo eYerusalem: nguShamuwa, noShobhabhi, noNatan, noSolomon,
15 noIbhehare, noElishuwa, noNefege, noYafiya,
16 noElishama, noEliyada, noElifelete.
17 Ke kaloku eva amaFilisti ukuba bamthambisile uDavide, waba ngukumkani kumaSirayeli; enyuka ke onke amaFilisti aya kumfuna uDavide. Weva uDavide, wehla waya emboniselweni.
18 AmaFilisti abezile, athi dwe entilini yamaRafa.
19 Wabuza uDavide kuYehova, wathi, Ndinyùke na, ndiye kumaFilisti? Wòwanikela na esandleni sam? Wathi uYehova kuDavide, Nyuka; ngokuba ndiwanikele mpela amaFilisti esandleni sakho.