22 Abuya aphinda enyuka amaFilisti, athi dwe entilini yamaRafa.
23 Wabuza uDavide kuYehova, wathi yena, Uze ungenyuki; jikela emva kwawo, ufike kuwo malunga nemithi yemibhaka.*
24 Kothi, ekuveni kwakho isandi sokuhamba emantloko emithi yemibhaka, wandule ungxamise; ngokuba wóba uphumile phambi kwakho uYehova ngela xesha, ukuba ayixabele impi yamaFilisti.
25 Wenjenjalo uDavide, njengoko uYehova abemwisele umthetho ngako; wawaxabela amaFilisti, wathabathela eGebha wada waya eGezere.