2 Wesuka ke, wahamba uDavide nabantu bonke abenabo, esiya eBhahali yakwaYuda, esiya kunyusa khona ityeya kaThixo, ebizwa ngalo igama, igama likaYehova wemikhosi ohleli phezu kweekerubhi.*
3 Bayikhwelisa enqwelweni entsha ityeya kaThixo, bayithabatha endlwini ka-Abhinadabhi ebisendulini; u-Uza nonoAhiyo, oonyana baka-Abhinadabhi, beyiqhuba inqwelo entsha leyo.
4 Bayithabatha endlwini ka-Abhinadabhi esendulini, inetyeya kaThixo, uAhiyo ehamba phambi kwetyeya.
5 UDavide nendlu yonke kaSirayeli baqamba phambi koYehova, bebetha imithi yonke yesipres,* neehadi, nemirhubhe, neengqongqo, namakhenkcekhenkce, namacangci.
6 Bafika esandéni sikaNakon; wesa isandla sakhe u-Uza etyeyeni kaThixo, wayibamba; ngokuba iinkomo zibe ziyigungqisa.
7 Wavutha umsindo kaYehova ku-Uza; uThixo wambetha khona, ngenxa yemasi elo, wafela khona ngasetyeyeni kaThixo.
8 UDavide wavutha ngumsindo ngenxa enokuba uYehova wamtyhobozela ngotyhobozo u-Uza, wathi loo ndawo yiPerets-uza* unanamhla.