12 Wathi uSamson kubo, Ndonijikela iqhina; ukuba nithe nandicombululela ngeentsuku ezisixhenxe zomsitho, nalifumana, ndoninika iingubo zelinen entle ezingamashumi amathathu, neengubo zokukhululana ezingamashumi omathathu.
13 Ke ukuba anithanga nibe nako ukundicombululela, nondinika nina iingubo zelinen entle ezingamashumi amathathu, neengubo zokukhululana ezingamashumi omathathu.Bathi kuye, Lijike iqhina lakho silive.
14 Wathi kubo,Kodlayo kwaphuma ukudla,Konamandla kwaphuma incasa.Ababa nako ukulicombulula iqhina imihla emithathu.
15 Kwathi ngosuku lwesixhenxe bathi kumkaSamson, Yirhwebeshe indoda yakho, isicombululele iqhina, hleze sikutshise wena nendlu kayihlo ngomlilo. Nisimeméle ukuba nisihlwempuzise na? Akunjalo na?
16 UmkaSamson wamlilela wathi, Kodwa undithiyile, akundithandi; ubajikele iqhina oonyana babantu bakowethu, akwandicombululela. Wathi kuye, Yabona, andibacombululelanga ubawo noma; ndícombululele wena na?
17 Ke wamlilela iintsuku zosixhenxe ababesemsithweni ngazo. Kwathi ngolwesixhenxe usuku wamcombululela, kuba ebemxinile. Waza yena wabaxela oonyana babantu bakowabo.
18 Athi kuye amadoda aloo mzi ngomhla wesixhenxe, lingekatshoni ilanga, Yintoni na enencasa ngaphezu kobusi? Yintoni na enamandla ngaphezu kwengonyama? Wathi kuwo,Ukuba beningalimanga ngethokazi lam,Ngeningalifumananga iqhina lam.