1 Kwaye kukho indoda yelasezintabeni zakwaEfrayim egama linguMika.
2 Yathi kunina, Iwaka lesilivere elinakhulu-nye elalithatyathwe kuwe, owashwabula ngenxa yalo, kananjalo wathetha ngalo ezindlebeni zam, yabona, isilivere leyo inam; yathatyathwa ndim. Wathi unina, Ùsikelelwe, nyana wam, nguYehova.
3 Walibuyisela kunina iwaka lesilivere elinakhulu-nye. Wathi unina, Ndiyingcwalisile yonke isilivere leyo kuYehova; iphuma esandleni sam ukuba ibe yeyonyana wam, enze umfanekiso oqingqiweyo nomtyhido; ndiyibuyisela kuwe ke ngoko.
4 Wayibuyisela ke kunina isilivere. Wawathabatha unina amakhulu omabini esilivere, wawanika umnyibilikisi, wenza ngawo umfanekiso oqingqiweyo nomtyhido; waba sendlwini kaMika.
5 Indoda leyo inguMika ibinendlu yoothixo, yayenze iefodi* nemilondekhaya; yayimisele omnye koonyana bayo, waba ngumbingeleli wayo.
6 Ngaloo mihla bekungekho kumkani kwaSirayeli; elowo wenza oko kuthe tye emehlweni akhe.