28 Avuka kusasa ngengomso amadoda aloo mzi: naso isibingelelo sikaBhahali sidiliziwe, egawulwe noAshera obengakuso, neyesibini inkunzi inyusiwe phezu kwesibingelelo esibe sakhiwe.
29 Yathi enye kwenye, Ngubani na lo wenzé le nto? Abuza, afuna. Bathi, NguGidiyon unyana kaYowashe, lo wenzé le nto.
30 Athi amadoda aloo mzi kuYowashe, Khupha unyana wakho, afe; ngokuba úsidilizile isibingelelo sikaBhahali, wamgawula uAshera obengakuso.
31 Wathi uYowashe kubo bonke ababemmele, Niya kummela uBhahali nina aba na? Niya kumsindisa nina aba na? Lowo ummelayo uBhahali makabulawe; makhe kuse. Ukuba únguThixo, makazithethele, ngokuba sídiliziwe isibingelelo sakhe.
32 Kwathiwa loo mini unguYerubhahali,* kusithiwa, uBhahali makaphikisane naye, ngokuba esidilizile isibingelelo sakhe.
33 Ahlangana ndawonye onke amaMidiyan, nama-Amaleki, nabasempumalanga; awela, amisa emathafeni aseYizereli.
34 UMoya kaYehova wangena kuGidiyon, wavuthela ngesigodlo; ahlatyelwa umkhosi, eza ama-Abhihezere, amlandela.