3 Khawudanduluke ke ngoko ezindlebeni zabantu, uthi, Owoyikayo nogubhayo makabuye, makanyebeleze emke ezintabeni zeGiliyadi. Kwabuya ke kubo abantu abangamawaka angamashumi omabini anamabini; kwasala amawaka alishumi.
4 Wathi uYehova kuGidiyon, Abantu basebaninzi. Yihla nabo, uye emanzini, ndikukhethele bona apho; kothi, endithe kuwe, Lo uya kuhamba nawe, maze ahambe nawe yena; bonke endisukuba ndithi kuwe, Lo akayi kuhamba nawe, ize angahambi nawe yena.
5 Wehla nabantu waya emanzini; wathi uYehova kuGidiyon, Bonke abasukuba bekramncela amanzi ngolwimi lwabo, njengoko ixhaphayo inja, uze ubamise bodwa; bonke abasukuba beguqa ngamadolo abo ukuba basele, uze ubamise bodwa.
6 Inani labaseláyo ngesandla salo emlonyeni laba ngamadoda amakhulu mathathu; bonke abanye abantu baguqa ngamadolo abo ukuba basele amanzi.
7 Wathi uYehova kuGidiyon, Ndiya kunisindisa ngala madoda amakhulu mathathu akramnceleyo, ndiwànikele amaMidiyan esandleni sakho. Bonke abanye abantu mabagoduke, elowo aye endaweni yakhe.
8 Bawuphatha abantu abo umphako ngesandla sabo, nezigodlo zabo. Wawandulula onke amadoda akwaSirayeli, ukuba ileyo iye ententeni yayo; wagcina amadoda lawo amakhulu mathathu. Umkhosi wamaMidiyan waba ngezantsi kwakhe entilini.
9 Kwathi ngobo busuku, uYehova wathi kuye, Vuka, uhle uye empini; ngokuba ndiyinikele esandleni sakho.