5 Njengokuba ungayazi ukuba yiyiphi na indlela yomoya, kwanjengokuyilwa kwamathambo esiswini somithiyo; ngokunjalo akusazi isenzo sika Thixo owenza izinto zonke.
6 Kusasa hlwayela imbewu yakho, nangokuhlwa ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba ungàzi ukuba kolunga yiphi na, nokuba yile nokuba yileya, kusini na, nokuba zolunga ngakunye zombini na.
7 Kumnandi ukukhanya, kulungile emehlweni ukulibona ilanga.
8 Ngokuba umntu, ukuba uthe wadla ubomi iminyaka emininzi, makavuye ngayo yonke iphela, noko ke akhumbule imihla yobumnyama, ukuba iya kuba mininzi. Yonke into ezayo ingamampunge.
9 Vuya, ndodana, ebutsheni bakho, ikuchwayithise intliziyo yakho ngemihla yobudodana bakho, uhambe ngeendlela zentliziyo yakho, nangokukhangela kwamehlo akho; kodwa yázi ukuba ngenxa yezo zinto zonke uThixo uya kukusa ematyaleni.
10 Yisuse ke ingqumbo entliziyweni yakho, ubudlulise ububi enyameni yakho; ngokuba ubutsha nobudoda bungamampunge.