10 Andiwabandezanga into yonke ayibizayo amehlo am; andiyivimbanga intliziyo yam namnye umvuyo; ngokuba intliziyo yam yayivuya emigudwini yam yonke, saba sesi ke isabelo sam emigudwini yam yonke.
11 Ndabheka mna ezenzweni zam zonke, ezazenzáyo izandla zam, nasemigudwini yam endaphuka yiyo ukuyenza; ndayibona ukuba yonke loo nto ingamampunge nokusukelana nomoya; akukho lungelo phantsi kwelanga.
12 Ndazijika mna, ndakhangela ubulumko, nobugeza, nobuyatha; ngokuba ngumntu oyini na, lowo uya kuza emva kokumkani? lo ubeselenziwe kade?
13 Ndabona ukuba ubulumko buyabugqitha ubuyatha, njengokuba ukukhanya kubugqitha ubumnyama.
14 Isilumko, amehlo aso asentlokweni yaso; ke sona isinyabi sihamba emnyameni. Ndaqonda ke mna ukuba bonke bephela bahlelwa sihlo sinye.
15 Ndathi mna entliziyweni yam, Njengoko sihlelwa kuko isinyabi, ndiya kuhlelwa kuko nam lo; ibiyini na ke ukuba ndisidlule mna ngokulumka? Ndathi entliziyweni yam, Kwanaloo nto ingamampunge.
16 Ngokuba isilumko kunye nesinyabi asinakukhunjulwa kungunaphakade, ekubeni kusiza iimini ezoba sezilityelwe zonke ezo nto. Kutheni na, ukuba zife izilumko kunye nezinyabi?