25 Yanduluka ibhanile yeminquba yonyana bakaDan, umqoshelisi weminquba yonke ngokwemikhosi yayo;
26 phezu komkhosi wakhe inguAhiyezere, unyana ka-Amishadayi; phezu komkhosi wesizwe soonyana baka-Ashere inguPagiyeli, unyana kaOkran;
27 phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaNafetali inguAhira, unyana kaEnana.
28 Kuko oko ukunduluka koonyana bakaSirayeli; banduluka ke ngokwemikhosi yabo.
29 Wathi uMoses kuHobhabhi, unyana kaRehuweli, umMidiyan, uyise womkaMoses, Thina siyanduluka; siya endaweni athe uYehova, Ndiya kuninika yona. Hamba nathi, sokwenzela okulungileyo; ngokuba uYehova uthethe okulungileyo ngoSirayeli.
30 Wathi yena kuye, Andiyi kuhamba; ndiya kuya ezweni lakowethu, kwelokuzalwa kwam.
31 Wathi, Musa ukusishiya kaloku, ngenxa enokuba nguwe owaziyo apho singalalisa khona entlango; yiba ngamehlo ethu.