Inumeri 2 XHO75

Ulungelelwano lwezizwe eminqubeni naseluhambeni

1 Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,

2 Elowo koonyana bakaSirayeli woyimisa intente yakhe ngakwibhanile* yakowabo, eziqondisweni zezindlu zooyise, bamise malunga nentente yokuhlangana ngeenxa zonke.

3 Abomisa phambili ngasempumalanga boba ngabebhanile yakwaYuda ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaYuda nguNashon, unyana ka-Aminadabhi;

4 umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi osixhenxe anesiné amawaka, anamakhulu mathandathu.

5 Abomisa ngakuye yoba sisizwe sakwaIsakare; inkulu yoonyana bakaIsakare nguNathaniyeli, unyana kaTsuhare;

6 umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omahlanu anamané amawaka, anamakhulu mané.

7 Ize kulandele isizwe sakwaZebhulon; inkulu yoonyana bakaZebhulon nguEliyabhi, unyana kaHelon;

8 umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omahlanu anesixhenxe amawaka, anamakhulu mané.

9 Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaYuda likhulu lamawaka, anamanci osibhozo amawaka, anesithandathu samawaka, anamakhulu mané, ngokwemikhosi yabo. Bonduluka kuqala bona.

10 Ibhanile yeminquba yakwaRubhen yoba ngasezantsi ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaRubhen nguElitsure, unyana kaShedeyure;

11 umkhosi wakhe, abo babalwáyo kuye, ngamashumi omané anesithandathu samawaka, anamakhulu mahlanu.

12 Abomisa ngakuye yoba sisizwe sakwaSimon; inkulu yoonyana bakaSimon nguShelumiyeli, unyana kaTsurishadayi;

13 umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omahlanu anesithoba amawaka, anamakhulu mathathu.

14 Ize kulandele isizwe sakwaGadi; inkulu yoonyana bakaGadi nguEliyasafu, unyana kaRehuweli;

15 umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omané anesihlanu amawaka, anamakhulu mathandathu, anamanci mahlanu.

16 Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaRubhen likhulu lamawaka, elinamanci mahlanu amawaka, anawakanye, linamakhulu mané, anamanci mahlanu, ngokwemikhosi yabo. Bonduluka beyeyesibini.

17 Yoncothulwa intente yokuhlangana, ineminquba yabaLevi phakathi kweminye iminquba; njengoko bamisa ngako, bonduluka ngako, elowo endaweni yakhe ngokwebhanile yakowabo.

18 Ibhanile yeminquba yakwaEfrayim yoba ngasentshonalanga, ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaEfrayim nguElishama, unyana ka-Amihude;

19 umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omané amawaka, anamakhulu mahlanu.

20 Ngakuye ibe sisizwe sakwaManase; inkulu yoonyana bakaManase nguGamaliyeli, unyana kaPedatsure;

21 umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omathathu anesibini amawaka, anamakhulu mabini.

22 Kuze kulandele isizwe sakwaBhenjamin; inkulu yoonyana bakaBhenjamin nguAbhidan, unyana kaGidiyoni;

23 umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omathathu anesihlanu amawaka, anamakhulu mané.

24 Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaEfrayim likhulu lamawaka, anesibhozo samawaka anakhulu-nye, ngokwemikhosi yabo. Bonduluka beyeyesithathu.

25 Ibhanile yeminquba yakwaDan yoba ngasentla, ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaDan nguAhiyezere, unyana ka-Amishadayi;

26 umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omathandathu anesibini amawaka, anamakhulu asixhenxe.

27 Abomisa ngakuye yoba sisizwe sakwa-Ashere, inkulu yoonyana baka-Ashere nguPagiyeli, unyana kaOkran;

28 umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omané amawaka, anawaka-nye, linamakhulu mahlanu.

29 Ize kulandele isizwe sakwaNafetali; inkulu yoonyana bakaNafetali nguAhira, unyana kaEnan;

30 umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omahlanu anesithathu samawaka, anamakhulu mané.

31 Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaDan likhulu lamawaka, anamanci omahlanu anesixhenxe samawaka, anamakhulu mathandathu. Bonduluka bengabokugqibela, ngokweebhanile zabo.

32 Ngabo ke abo babalwáyo koonyana bakaSirayeli, ngokwezindlu zooyise; bonke ababalelwa eminqubeni ngokwemikhosi yabo ngamakhulu omathandathu amawaka, anesithathu samawaka, anamakhulu mahlanu, anamanci mahlanu.

33 Ke abaLevi ababalelwanga phakathi koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

34 Benza ke oonyana bakaSirayeli; njengako konke uYehova abemwisele umthetho uMoses, benjenjalo ukumisa iintente ngokweebhanile zakowabo; benjenjalo ukunduluka, elowo ngokomzalwane wakhe, ngokwezindlu zooyise.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36