Inumeri 1 XHO75

Ukubalwa kwezizwe ezilishumi elinanye

1 Wathetha uYehova kuMoses entlango yaseSinayi, ententeni yokuhlangana, ngolokuqala usuku lwenyanga yesibini, ngomnyaka wesibini wokuphuma kwabo ezweni laseYiputa, esithi,

2 Thabathani inani lebandla lonke loonyana bakaSirayeli, ngokwemizalwane yabo ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, yonke into eyindoda, ngokwentloko yayo.

3 Nothabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe ninyuse, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli; nibabale emlibeni ngokwemikhosi yabo, wena noAron;

4 kubekho nani indoda esizweni ngasinye, indoda eyintloko yendlu kayise.

5 Ngawo la amagama amadoda aya kuma nani: kwaRubhen: uElitsure unyana kaShediyure;

6 kwaSimon: uShelumiyeli unyana kaTsurishadayi;

7 kwaYuda: uNashon unyana ka-Aminadabhi;

8 kwaIsakare: uNathaniyeli unyana kaTsuhare;

9 kwaZebhulon: uEliyabhi unyana kaHelon;

10 koonyana bakaYosefu: kwaEfrayim: uElishama unyana ka-Amihudi; kwaManase: uGamaliyeli unyana kaPedatsure;

11 kwaBhenjamin: uAbhidan unyana kaGidiyoni;

12 kwaDan: uAhiyezere unyana ka-Amishadayi;

13 kwa-Ashere: uPagiyeli unyana kaOkran; kwaGadi:

14 uEliyasafu unyana kaDehuweli; kwaNafetali:

15 uAhira unyana kaEnan.

16 Ngabo abo babizwe libandla, abazizikhulu zezizwe zooyise, abaziintloko zamawaka akwaSirayeli bona.

17 OoMoses noAron bawathabatha loo madoda ahleliweyo ngamagama.

18 Balibizela ndawonye lonke ibandla ngolokuqala usuku lwenyanga yesibini, ukuba baxele ukuzalwa kwabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, ngokweentloko zabo.

19 Njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses, wababala entlango yaseSinayi.

20 Koonyana bakaRubhen, owamazibulo kaSirayeli, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, ngokweentloko zabo, yonke into eyindoda ethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, inyuse, bonke abaphuma umkhosi:

21 abalwáyo kubo besizwe sakwaRubhen, baba ngamashumi amané anamathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu.

22 Koonyana bakaSimon, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ababalwa kubo ngenani lamagama, ngokweentloko zabo, yonke into eyindoda ethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, inyuse, bonke baphuma umkhosi:

23 ababalwáyo kubo besizwe sakwaSimon, baba ngamashumi amahlanu anesithoba amawaka, anamakhulu mathathu.

24 Koonyana bakaGadi, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

25 ababalwáyo kubo besizwe sakwaGadi, baba ngamashumi amané anamahlanu amawaka, anamakhulu mathandathu, anamanci mahlanu.

26 Koonyana bakaYuda, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

27 ababalwáyo kubo besizwe sakwaYuda, baba ngamashumi asixhenxe anamané amawaka, anamakhulu mathandathu.

28 Koonyana bakaIsakare, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

29 ababalwáyo kubo besizwe sakwa Isakare, baba ngamashumi amahlanu anamané amawaka, anamakhulu mané.

30 Koonyana bakaZebhulon, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

31 ababalwáyo kubo besizwe sakwaZebhulon, baba ngamashumi amahlanu anesixhenxe amawaka, anamakhulu mané.

32 Koonyana bakaYosefu: koonyana bakaEfrayim: inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

33 ababalwáyo kubo besizwe sakwaEfrayim, baba ngamashumi amané amawaka, anamakhulu mahlanu.

34 Koonyana bakaManase, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

35 ababalwáyo kubo besizwe sakwaManase, baba ngamashumi amathathu anamabini amawaka, anamakhulu mabini.

36 Koonyana bakaBhenjamin, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwenzindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

37 ababalwáyo kubo besizwe sakwaBhenjamin, baba ngamashumi amathathu anamahlanu amawaka, anamakhulu mané.

38 Koonyana bakaDan, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

39 ababalwáyo kubo besizwe sakwaDan, baba ngamashumi amathandathu anamabini amawaka, anamakhulu asixhenxe.

40 Koonyana baka-Ashere, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke baphuma umkhosi:

41 ababalwáyo kubo besizwe sakwa-Ashere, baba ngamashumi amané analinye amawaka, anamakhulu mahlanu.

42 Koonyana bakaNafetali, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

43 ababalwáyo kubo besizwe sakwaNafetali, baba ngamashumi amahlanu anamathathu amawaka, anamakhulu mané.

44 Ngabo abo babalwáyo, babalwáyo nguMoses, noAron, nezikhulu zakwaSirayeli ezilishumi elinazibini, iyileyo indoda ibalelwa indlu kayise.

45 Bonke ababalwáyo boonyana bakaSirayeli ngokwezindlu zooyise, bathabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli:

46 bonke ababalwáyo baba ngamakhulu amathandathu amawaka, anamawaka mathathu, anamakhulu mahlanu, anamanci mahlanu.

AbaLevi

47 Ke bona abaLevi, ngokwesizwe sezindlu zooyise, àbabalelwanga phakathi kwabo.

48 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

49 Kodwa sona isizwe sakwaLevi uze ungasibali; ungalithabathi inani laso phakathi koonyana bakaSirayeli.

50 Wena ke abaLevi uze ubenze bavelele umnquba wesingqino nempahla yawo yonke, nento yonke ekuwo, bawuthwale umnquba nempahla yawo yonke, balungiselele kuwo, bamise iintente zabo ngeenxa zonke emnqubeni.

51 Ekundulukeni komnquba wówiswa ngabaLevi; ekumisweni komnquba wóphakanyiswa ngabaLevi; owasemzini osondelayo kuwo makabulawe.

52 Oonyana bakaSirayeli bomisa elowo intente yakhe eminqubeni yakowabo, elowo ebhanileni* yakowabo, ngokwemikhosi yabo.

53 AbaLevi bona bozimisa ezabo ngeenxa zonke emnqubeni wesingqino, ukuze kungezi burhalarhume phezu kwebandla loonyana bakaSirayeli, basigcine abaLevi isigxina somnquba wesingqino.

54 Benza ke oonyana bakaSirayeli; njengako konke uYehova abemwisele umthetho uMoses, benjenjalo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36